iHIV nabantwana

Post cover image

iHIV nabantwana

Abantwana abane HIV bangaphila ubom obufana nobom babanye abantwana ukuba banosapho elibakhathaleleyo namayeza bayawafumana


Abantwana bayifumana njani ingculaza?


Abantwana abangeka zalwa abosulelwa ngonina kodwa bathi bosuleleke xa bezalwa okanye bencanciswa. Ukuba umama uyazazi une HIV, abe esebenzisa unyango ngelixesha azithweleyo, naxa sele encancisa amathuba okuba osulele umntana mancinci kakhulu. Yilento kubalulekileyo uzazi ukuba unayo na ingculaza xa ukhulelwe naxa uncancisa.


Amayeza engculaza abantwana


Abantwana banikwa unyango iARVs ezingamayeza aselwayo njengoba abantu abadala benikwa ipilisi. Banikwa amayeza asebenza kakuhle bakhule babebadala. Kubalulekile ukuba umntana otya lamayeza angawayeki ngoba ingculaza ingafumana indlela yokulwa lamayeza angasebenzi. Elinye lamayeza libi kangangokuba abanye abantwana abalifuni kubenzima ukuba ungabaseza. Nokuba libi kubalulekile ukuba balisele. Enye yendlela zoqinisekisa ukuba bayalisela kukubanika isipho emva Koba belisele. Ukuba akafuni kulisela nangoku athenjiswe ngesipho kubalulekile uye kugqirha nithethe ngendlela enizomenza alisele ngayo. Xa umseza kubalulekile umxelele ukuba lizokwenza umzimba wakhe ubenamandla. Ungamxelela ukuba umzimba wakhe unamajoni eliyeza lokwenza amajoni akhe abenamandla.


Ikhaya elifudumeleyo


Eyona nto ibalulekileyo kukuba umntana uhlala kwikhaya elifudumeleyo elinothando, ayiloxanduva lomntana ukuba asele lamayeza lixanduva lalomntu umongayo. Kubalulekile uqinisekisa ukuba akaphelelwa ngamayeza, uwatya ngexesha elifanekileyo rhoqo ngomlinganiselo ofanelekileyo.



iHIV ne TB


Kuba iHIV isenza amajoni omzimba abe ethe ethe kubalulekile ukulumkela iTB. Ngelishwa umzantsi Afrika unamanani aphezulu eTB ehlabathini. Ukuba kukho umntu one TB apho endlini okanye okufutshane nomntana, unako ukuya eclinic uyocela amayeza eTB. Abantwana abane HIV abatyiswe amayeza eTB xa bedibene nomntu onayo abafane bayifumane iTB



Tags
  • HIV
    Human Immunodeficiency Virus
    Child Care
    Baby Care
    Infant
    Pregnancy
    AIDS