Unonophelo lwabantwana olusisiseko

Post cover image

iintsuku ezili-1000 zokuqala

Iintsuku zokuqala eziliwaka zokuqala zibalulekile ukuqinisekisa ukuba umntana uqala kakuhle ubomi. Ezintsuku ziqala wakufumanisa ukuba uzithwele ziphele xa umntana eneminyaka emibini. Elixesha libalulekile kwaye lizonceda umntana ubom bakhe bonke.


Ngaphambi kokukhulelwa

Luluvo olulungileyo ukucwangcisa ukukhulelwa kwakho. Oku kuthetha ukuba ngelixesha ungekafuni ukuzithwala sebenzisa izithinteli zokumitha. Xa uthathe isigqibo sokuba ufuna ukuba nomntana ungayeka ukusebenzisa ezi zithintelo. Ungaqala usebenzisa izakha mzimba ngakumbi ifolate, uqinisekise ukuba icala lemali alinazingxaki. Ifolate iqinisekisa ukuba ingqondo nomnqonqo womntana zikhula kakuhle.


Ngexa lokukhulelwa


Kubalulekile ukuba uhambe eklinik kumane kuyojongwa ukuba konke kusahamba kakuhle. Ogqirha nomongikazi bazokuvavanya ukuqinisekisa ukuba umntana nawe nikhuselekile ngelixesha. Oku kunceda ogqirha no mongikazi bakwazi kakuhle ngoku ungeka beleki, oku kwenza xa ubeleka nangelixesha usazithweleyo ukhuseleke.


Kuye kuvavanywe iHIV. Oku kwenziwa kumntu wonke, ukuba ufunyanwe unayo lixesha elilungileyo lokuba uqalise ukutya amayeza ayo. Ukuba sewuyitya uzokhusela umntanakho angayifumani.


Kubalulekile ukuba ogqirha bajonge amayeza owatyayo ukuqinisekisa ukuba amlungele umntana. Bazokufundisa ukuba usela utywala, nokutya iziyobisi ukhulelwa akumlungelanga umntana.


Emva kobeleka


Wakuzalwa umntana into yokuqala ayidingayo luthando, imfudumalo,nokutya oku nesondlo


  • Kubalulekile umntana akhulele kwikhaya olukhuselekileyo, apho ityhefu, amanzi abilayo, nomlilo zizobekwa kude kunaye.
  • Ukufikelela kumanzi okusela akhuselekileyo.
  • Agonywe.


Ukuncancisa


Ukuncancisa kuqinisekisa ukuba umntana ukhula kakuhle, esempilweni.


Ukuncancisa kunika umntana zonke izakha mzimba azidingayo. Umzimba wakho uyayazi umntana udinga ntoni, uyalitshintsha ubisi anike umntana lento ayifunayo. Ibisi lwebele lisilungele isisu somntana liqinisekisa ukuba akangenwa zintsholongwane.


Liphuma licocekile line zinto ekuthiwa zi antibodies ezincedisa ukulwa iintsholongwane.


Ibisi eli lithengwayo kunzima ukulenza, liyangenwa zizinto ezimdaka, xabiso lalo liphezulu kwaye alinazo i antibodies zonke ezidingwa ngumntana.


Kukho iimpawu ezithile ezizovela xa umntana edinga ukusiwa esbhedlele ekumele uzijongile.


  • Ukuba umntana uyagabha
  • Akakwazi kusela okanye ukuncanca
  • Uyaxhuzula
  • Ukuba ufe isqaqa


Indlela eya empilweni


Uzobe unikwe incwadi ebhalwe Road to Health. Ibalulekile lencwadi ngokuba ogqirha no mongikazi bazobhala iinkcukacha zempilo nokukhula komntana kuyo. Bazobana apha ukuba basebenzise eyiphi ndlelanyonyango xa umntana ether wagula. Iyakuchazela nendlela emawumkhathalele ngayo umntana, xa usiya esbhedlele okanye eclinic ungayishiyi



Ugonyo


Ugonyo lunceda umzimba ulwe izifo. wonke umntana emzantsi Afrika uyalifumana ugonyo, izigonyo zihamba ngeminyaka. Kubalulekile ukuba umntana azifumane. Ukuba kwenzekile umntana wakho angasifumani isigunyo yiya eclinic ayosifumana.



Nazi ezinye izifo ezithintelwa lugonyo:

  • Polio isifo esenza abantu izidalwa
  • Iindidi ezithile zentsholongwane ezihlasela ingqondo
  • Hepatitis B ehlasela isibindi
  • H influenza ehlasela imiphunga
  • Rotavirus yenza utyatyazo oluyingozi
  • Streptococcus pneumonia ntsholongwane ehalasela imiphunga nengqondo
  • Typhoid isifo esinonika umntana wakho intsholongwane yesisu eyingozi
  • Tetanus le intsholongwane ihlasela izihlunu izenze ziqine


Funda ngakumbi malunga nendlela izitofu ezisebenza ngayo nencwadana yethu yezitofu zokugonya



Tags
  • Child Care
    Baby Care
    Infant
    Pregnancy
    Breastfeeding