Izigonyo

Post cover image

Yintoni isigonyo?

Isigonyo liyeza elenzelwe ukuba lilwe nezigulo/ ntsholongwane ezithile. Izigonyo sisetyenziswa ekunqandeni izifo eziyingozi nezibulalayo.


Izigonyo zenziwa ngezixa ezithile zeso sifo esenziwa asanabungozi, umzekelo isigonyo sokunqanda imasisi senziwe nge Masisi engenabungozi, isigonyo eso asina bungozi ngoba isifo eso sithomalalisiwe.


Sisebenza njani isigonyo?

Izigonyo zisebenza ngokulinganisa isifo eso, senze amajoni omzimba akho akwazi ukulwa isifo eso singakwazi ukugulisa kwixesha elizayo.


Amajoni omzimba zizikhuseli zomzimba eziqinisekisa ukuba umzimba wakho uyakwazi ukulwa izigulo. Izigonyo zenza amajoni omzimba okhe izikhuseli zokulwa izigulo zingakwazi ukugulisa xa zithe zangena emzimbeni.


Izigonyo zisebenza njengezi thinteli ebantwaneni nase bantwini abadala kwihlabathi lonke. Xa abantwana bezalwa amajoni omzimba wabo akakalungeli kusebenza ekulweni izigulo, Ezi zithinteli zincedisa amajoni omzimba akhule akwazi ukulwa izifo


Ingaba izigonyo ziyasebenza?


Iizigonyo ziyakwazi ukunqanda izifo ezosulelayo. Izigonyo zinobungqina okulwa nokubulala izigulo ezithile ezinobungozi. Ixesha lokuphila longezekile oko kwenziwa izigonyo.


Athini amaxesha okugonya eMzantsi Afrika

UMzantsi Afrika ulandela lamaxesha ogonyo/ ayafunyanwa nakwi ncwadana iRoad to health booklet efunyanwa eClinic. Kubalulekile ukuba umntana azifumana zonke izogonyo zakhe


Zikhuselekile izigonyo?


Izigonyo zingabangela izinto ezingaqhelekanga ezifana ne fiva ephinda izihambele emva kwentsuku


Izigonyo zivavanywa amatyeli amaninzi phambi kokuba zidluliswe ebantwini. Izigonyo zikhuselekile.


Yintoni ukhuseleko lomhlambi?


Olukhuseleko lenzeka xa abantu balondawo bekhuselekile kwisifo, behllise amathuba okosulela abanye abantu, ibonisa indlela ukugonywa kunceda abantu



Related Posts

Tags
  • Vaccines
    Immunity
    Herd Immunity
    Baby Care
    Child Care