iHIV

Post cover image

Yintoni iHIV?


I-HIV yintsholongwane kaGawulayo. Luhlobo lwentsholongwane eyenza buthathaka amajoni akho omzimba .

Ungayifumana njani?


Lentsholongwane ifumaneka ngodibana negazi elinentsholongwane. Uyifumana ngokusebenzisa iinaliti enale ntsholongwane nangokwabelana ngesondo ngaphandle kwe condom nomntu onayo ongathathi nyango.

Iimpawu


Abantu abaninzi abazazi ukuba banayo.

Umntu angane rashalala. Umkhuhlane ne joints ezibuhlungu.

Ingathatha ixesha elide lokuba umntu azazi ukuba unayo ingculaza kodwa abe esosulela abanye abantu.


IINGXAKI EZINOVELA


Ukuba unengculaza kwaye awutyi mayeza ungakhawuleza ufumane ezinye izifo ngoba amajoni akho omzimba a ethe ethe.

Abantu abangatyi mayeza bafumana izigulo ezifuna ne TB kunye nezinye izigulo eziyingozi lula.



Unyango

iHIV inyangwa ngamayeza iARVs. iARVs zisebenza ngohlasela intsholongwane, kwaye zithintela ukukhula kwazo. Umntu one HIV othatha unyango rhoqo uyakwazi unokuphile ubomi obuqhelekileyo.





OMAMA ABAZITHWELEYO ABANENTSHOLONGWANE


Omama abazithweleyo abanentsholongwane ka gawulayo abasempilweni amathuba okuba bosulela umntana osesibelekweni aphantsi kakhulu.


Ukuba akawaseli amayeza njengoba ugqirha etshilo usana lingasuleleka xa libelekwa. Ukuba uyawasela amayeza akhe usana lizakukhuseleka kwi ntsholongwane, nomama angalincancisa usana ukuba uyawasela amayeza akhe.



Tags
  • HIV
    Human Immunodeficiency Virus