Umlilo

Post cover image

INGOZI ZOMLILO


Umlilo ungayi ngozi xa wenziwe ngaphandle ko nonophelo. Umlilo uqalwa yi paraffin. Irhasi.ikhandlela. Nombane. Unokusasazeka ngokulula, ngakumbi xa kunomoya, komile kwaye kushushu. Umlilo ongalawulekiyo unokusasazeka usuka kwenye indlu uye kwenye, ngakumbi xa izindlu zabantu zisondelelene.



UKUZIKHUSELA KUMLILO EKHAYA


Sukulala ikhandlela, stovu okanye iheater zilayitile.


Suku plug( a) izinto zibe ninzi embaneni.


Sukushiya iimbiza zingahoywanga estovini.


Ukuba usebenzisa ikhandlela qiniseka alizukuwa.( enye yendlela yokwenza lento kukugalela isanti ebhotileni ulibeke apho ikhandlela elo ukwenzela liwele kulo santi)


Fundisa abantwana ukuba bangadlali ngomlilo nezinto ezenza umlilo.



UNGENZA NTONI XAKUSITSHA


Ukuba kukho umlilo onwenwayo khawuleza ubize icandelo lomlilo. Ungabafownela kule no 10177. Ukuba kukho umntu otshileyo mbeke phantsi kwamanzi abandayo etepu, ukuba utshe kakhulu biza i ambulance.


Sukubeka i oil okanye ibhotolo kwi ndawo etshileyo. Ukuba umlilo uqale kwi pani/mbiza sukugalela amanzi cima istovu okanye uvale ipan/mbiza. Ungawucima umlilo ngogalela umhlaba okanye isanti



Tags
  • Fire
    Safety
    Child Care
    Baby Care