Umhlaza womlomo wesibeleko

Post cover image

i-70% womhlaza womlomo wesibeleko (icervix) wenziwa yintsholongwane ebizwa ukuba yi Human Papiloma virus (HPV). Le virus ineendidi ezinintsi ezifika ku100.

Iindidi u 16 no 18 zezona zihamba phambili ekwenzeni lomhlaza emzantsi Afrika.

ZIINTONI EZIKUBEKA EMNGCIPHEKWENI?


  • Ukuba wake wanayo i HPV.
  • Ukwabelana ngesondo usemncinci.
  • Ukuba nabantu abaninzi obelana nabo ngesondo.
  • Amajoni omzimba a ethe ethe
  • Ukusebenzisa icuba
  • Isifo ichlamydia


iPap smear yi test ethi yenziwe xa kujongwa umhlaza wesibeleko.



UYIFUMANA NJANI iHPV?


Lentsholongwane ifunyanwa ngokwabelana ngesondo, ngamathe okanye ukubambana.


Abantu abaninzi abazazi ukuba banayo lentsholongwane kwaye ukuba nayo akuthethi ukuba uzoba nomhlaza kuxhomekeka kwindidi yentsholongwane nokuba impilo yomntu injani na.



IBONWA NJANI iHPV?

Awukwazi kuyijonga egazini i HPV kodwa kuyakwazeka ukuyijonga kwi cells ukuba uneyiphi ndidi nobungozi bayo.

Amanina angapha kwe 25 ukuvavanywa oko for umhlaza wesiciko wesibeleko licebo elihle.

Emzantsi Afrika umntu ongapha kwe 30 uvavanywa mahala izihlandlo ezintathu kwiminyaka elishumi kubantu aba HIV- ze kaba HIV+ emva kweminyaka emithathu.


UKUTHINTELA


Ngaphandle kongabelani ngesondo, ukusebenzisa icondom kuyakhusela kulentsholongwane. Eyonandlela yokuzikhusela kukufumana isigonyo se HPV.


Isitofu sifunyanwa ngabantwana abangama ntombi abaneminyaka eyi 12/13.


Abantwana abangamakhwenkwe abana 12/13 boqala ukuyifumana ngonyaka u2019.


Amantombazana amadala angayifumana kwi NHS de kufike usuku labo lokuzalwa babena 18.


Amadoda akwi LGBTI+ nawo angayifumana de babena 45.

UNYANGO


Unyango lomhlaza wesibeleko uxhomekeka kwiziphumo, ugqirha uzokuyazi elona nyango ikufaneleyo.


Xa ungafumani nyango inganwenwa kubenzima ukuba ufumane unyango yilento kubalulekileyo ba umana uvavanywa wenziwe ipap smear.



Related Posts

Tags
  • Cervical Cancer
    Cancer
    HPV
    Human Papilloma Virus
    Womens Health