Impilo ngezosondo

Post cover image


Impilo yezesondo ibandakanya indlela eyakhayo, eyondeleleneyo neyonwabisayo yezesondo kunye nobudlelwane bezesondo. Ukwabelana ngesondo kufuneka kwenzeke phakathi kwabantu abadala ababini okanye ngaphezulu abavumayo ngendlela ekhuselekileyo engenalunyanzeliso. Funda malunga nempilo yezesondo kunye nokungasebenzi kakuhle kuthotho lwethu lwempilo yezesondo.

Ngenxa yokuba umzimba wakho usondele kakhulu komnye umntu, ezinye izifo zinokusasazeka ngolwelo lomzimba. Yiyo loo nto kubalulekile ukusebenzisa ukhuseleko xa usabelana ngesondo. Ukusebenzisa ikhondom kukukhusela ekusasazekeni nasekufumaneni izifo, ezifana ne-HIV. Ingcebiso ekhawulezileyo malunga nokusetyenziswa kwekhondom, musa ukusebenzisa i-lubrication ye-oyile njenge vaseline okanye i-oyile yomntwana. Ezi zenza ukuba ikhondom iqhawuke lula, endaweni yoko sebenzisa izithambiso ezisekelwe emanzini.

Ukuba akufuni ukuba nabantwana ngelo xesha, kuhle ukuba usebenzise enye yeendlela zocwangisa ezikwincwadana yethu yocwangciso-ntsapho kolu ngcelele.

Incwadana yethu ngengxaki yodlwengulo inika ulwazi malunga nento omawuyenze xa kukho ubundlobongela obuphathelele kwezesondo. Kukwakho nencwadana malunga nothintelo lokukhulelwa olungxamisekileyo kunye nokupheliswa kokukhulelwa kwimeko yokukhulelwa okungafunwayo.

Ukungasebenzi kakuhle kwezesondo kunokwenzeka, apho umntu angenawo umnqweno wesini okanye ukuphendula kwiingcebiso zesini. Oku kubangela uxinzelelo lweemvakalelo kunye nokungoneliseki kuwo onke amaqela abandakanyekayo. Ukuba ufuna ukufunda ngakumbi malunga nokungasebenzi kakuhle kwezesondo, ndwendwela ujongano lwethu lwezibonelelo ezongezelelweyo.


Abantwana kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo


Kubalulekile ukukhusela abantwana kuxhatshazo ngokwesondo. Lumka ukuba umshiya nabani umntwana wakho kwaye uqiniseke ukuba ujonge naziphi na iimpawu ezinokusetyenziswa ngumntwana wakho ukucela uncedo. Funda incwadana yethu yengxaki yodlwengulo ngolwazi kunye noncedo.


Ngubani omawuqhagamshelane naye


Amapolisa angakunceda xa uthe waxhatshazwa ngokwesondo. Bangakuxelela ukuba ubonwe ngubani. Oogqirha noonontlalontle banokukunceda. Sebenzisa iwebhusayithi yeSebe loPhuhliso loLuntu ukufumana uncedo kunye nokufumana ngakumbi malunga nobundlobongela obusekelwe kwisini (gbv.org.za).


Kukwakho nemibutho enokunceda, efana nethi “People Opposition to Women Abuse”, ungabatsalela umnxeba (011 642 4345) okanye uye kwiwebhusayithi yabo (http://www.powa.co.za).


Ukuba abantwana baxhatshazwe ngokwesondo ungaqhagamshelana neChildline South Africa ngokubatsalela umnxeba (0800 055 555) okanye uye kwiwebhusayithi yabo (http://www.childlinesa.org.za/). Ungaqhagamshelana neNtlalontle yaBantwana yoMzantsi Afrika ngokutsalela umnxeba (074 080 8315) okanye uye kwiwebhusayithi yabo (http://childwelfaresa.org.za/).


Iintsapho ezijongene nokuhlaselwa ngokwesondo nazo zinokuqhagamshelana neFamilies South Africa (FAMSA) ukufumana uncedo. Ungatsalela umnxeba (011 975 7106/7) okanye uye kwiwebhusayithi yabo (http://www.famsaorg.mzansiitsolutions.co.za/).


Ungafikelela kubo bonke abafowunelwa ngephepha lezibonelelo ezongezelelweyo. Mininzi eminye imibutho enokunceda.



Related Posts

Tags
  • Sexual Health
    Abuse