ICOVID-19

Post cover image

ICOVID-19


Intsholongwane icorona luluhlu lwee ntsholongwane ezibangela izigulo ezifana nomkhuhlane ongephi ukuyokutsho kumkhuhlane onobuzaza ohlasela imiphunga. Le corona virus esandokubhaqwa ebizwa covid19 yaqala yabonwa kwiintlanzi, nakwi nkukhu ecChina, yaze yanwenwela kumazwe ayi100 awuka nomzantsi Afrika. Ngenyanga yokwindla ku 2020 isebe lezempilo lomhlana wonke lachaza esisifo njengo mbulala zwe.



Yosulela njani iCovid-19


  • Esi sifo sosulela ngokuthi umntu onale ntsholongwane onesisifo akhohlele, acule, athethe kuphume amachaphaza amathe ngomlomo okanye ngeempumlo.


  • Sosulela abantu abasondeleneyo kanga ngomda oy1 metre. Umntu wosuleleka ngoku ngena kwamachaphazela emlonyeni, empumlweni okanye emehlweni.


  • Kwiindawo ezinabantu abanintsi lamachaphaza ahlala emoyeni ahambe umda ongapha keep metre


  • Nokubamba izinto ezosulelekileyo



Abantu abanale ntsholongwane bayigqithisa nini?


Kuthatha iintsuku ezimbini phambi koba bavele iimpawu.



Zivela njani iimpawu?



Kubakho abo bosulelekileyo kodwa bangabinazo iimpawu.


Kwabantu abanee mpawu:


  • Lukhohlokhohlo olomileyo
  • Umkhuhlane
  • Ukudinwa



Iimpawu ezinqabileyo


  • Umzimba oqaqambayo
  • Umqala obuhlungu
  • Ukuhambisa
  • Intloko ebuhlungu
  • Ungakwazi ukuva ivumba nancasa



Iimpawu ezibuzaza


  • Ungakwazi uphefumla
  • Isifuba esibuhlungu
  • Ungakwazi uthetha



Ndingawanciphisa njani amathuba ofumana icovid?



  • Ngohlamba izandla rhoqo ngamanzi anesephu.
  • Ngokuzama ungabambi ubuso
  • Ngofaka isifonyo.
  • Ngokuma umda ongange metre endaweni enabantu



Unyango



Abantu abanesi sifo bafakwa kumtshini we oxygen xa imeko yabo imaxhongo.

iDexamethasone sisteroid esisetyenziswa ekunciphiseni ixesha kumtshini wophefumla.



Ugonyo


Ugonyo yindlela yonqanda icovid 19 xa uthe wadibana nayo. Ithi iqinise amajoni akho omzimba akwazi ukulwa. Umzantsi Afrika usebenza izigonyo zakwa Johnson and Johnson,Pfizer,Astrazeneca ne sinovac. Bhalisa ku, https://vaccine.enroll.health.gov.za/#/ uzofumana ugonyo. Ukuba awuqinisekanga, funda iphetshana lethu ngokubaluleka kogonywa.



Ukwazi ngemisinga ye covid



Izigulo ezininzi ziyakwazi utshintsha indlela ezenziwe ngazo ukwenzela zikwazi ukuhlasela umzimba, oku kwenza iindidi ngee ndidi ze covid ezithi zinyuse amanani ecovid, umzekelo yi beta variant emzantsi afrika lentsholongwane inee ndidi ezingamashumi mabini ukusukela kule yokuqala.



Tags
  • Virus
    COVID
    Corona