Isifo esinganyangekiyo semiphunga (COPD)

Post cover image

Isifo esinganyangekiyo semiphunga (COPD)


Esi sisifo esixhaphakileyo apho umoya uye uvaleke kubenzima ukuphefumla. iCOPD sisifo esithi sibenobuzaza ekuhambeni kwexesha.

Emiphungeni engaguliyo xa uphefumlela ngaphakathi imiphunga igcwala umoya yande okwe bhaluni. Xa uphefumlela ngaphandle imiphunga iyehla okwe bhaluni ekhutshwa umoya. Xa une COPD umoya awungeni kakuhle emiphungeni ngenxa yoku:

  • Imiphunga ayireki.
  • Amadonga emiphunga onakele.
  • Imiphunga idumbile.
  • Imiphunga ivalekile


Unobangela we-COPD

iCOPD yenziwa zizinto ezithi zingalungelani nemiphunga njengoku tshaya, ukungcoliseka komoya, nokuphefumla ichemicals. Ukutshaya ngoyena nobangela uphambili.


iCOPD iqala kakhulu kwabantu abaneminyaka engamashumi amane (40) unyuka. Xa kuvela iimpawu zayo, iimpawu ziye zimongamele umntu kubenzima ukwenza izinto zesiqhelo.


Iimpawu ze COPD.


  • Ukukhohlela oko uphume isikhohlela
  • Ukhawuleza uphelelwe ngumoya ngakumbi xa usenza izinto ezifana nobaleka.
  • Ukuba nesandi esitswinayo xa uphefumla
  • Isifuba esivalekayo


Unyango lwayo nokuyithintela

Eyona ndlela yokuthintela iCOPD kukuyeka ukutshaya. Kwakhona kubalulekile ukunxiba izixhobo ezichanekileyo zokukhusela (njengemaski yothuli) ukuba usebenza ngeekhemikhali okanye uthuli.


Unyango lubandakanya kodwa alupheleli apho:

  • Ukutshintsha indlela yokuphila: yeka ukutshaya kwaye uphephe izinto ezicaphukisa imiphunga
  • Amayeza afana ne-inhalers ukuvula iindlela zomoya ukwenza ukuphefumla kube lula
  • Unyango lweoksijini oluhanjiswa ngeempumlo okanye imaski ukunyusa amanqanaba asezantsi eoksijini egazini lakho kwiimeko zeCOPD enzima.
  • Ukuvuselelwa kwemiphunga kubantu abaneengxaki zokuphefumla ezingapheliyo


I-COPD inokuwenza mandundu kakhulu umgangatho wobomi bakho. Kwezinye iimeko, izigulane ezineCOPD kufuneka ziqhubeke zikwi-oxygen. I-COPD ikwanyusa umngcipheko wokuba uye esibhedlele kwaye ube nosulelo lwemiphunga.



Related Posts

Tags
  • COPD
    Chronic Obstructive Pulmonary Disease
    Bronchitis
    Emphysema
    Smoking