Ukutshaya

Post cover image

Ukutshaya kuyingozi kwimpilo yakho

Ukutshaya ixesha elide kunxulunyaniswa neengozi ezinkulu zempilo. Elona cebiso likagqirha kukuyeka ukutshaya nanini na xa unako. Inikotini ekwisigarethi iyakhobokisa kwaye ke kunokuba nzima kakhulu ukuba abantu bayeke ukutshaya. Ukongezelela, kuyaqondakala ukuba kunokuba ngumsebenzi onzima ukuyeka ukutshaya kuba abantu bayatshaya ngenxa yezizathu ezininzi.


Kutheni ukutshaya kuyingozi kwimpilo yakho


Ukutshaya kunxulunyaniswa ne:

Umhlaza wemiphunga

Ukusezela umsi wecuba kwazisa imichiza emininzi emzimbeni. Iiseli ezihlala emiphungeni nasemqaleni wakho zicatshukiswa ngumsi wecuba. Ngokuqhubeka nokucaphuka, iiseli zonakaliswa. Lo monakalo ubangela ukuba iiseli zingazihlaziyi (ziziphilise) ngokufanelekileyo. Ziqala ukwenza iimpazamo xa zizihlaziya kwaye ezi mpazamo zinokukhokelela ekubeni iiseli zibe ngumhlaza.

Isifo semithambo yegazi

Iikhemikhali ezingena egazini lakho zichaphazela imithambo. Ngandlela thile, igazi liya kuba ngqindilili. Lo monakalo kwiindonga zemithambo yegazi kunye nokutshintsha kwegazi kunokubangela kwe-strokes kunye nokuhlaselwa yintliziyo. Ikwanyusa kakhulu ingozi yokufumana uxinzelelo lwegazi oluphezulu.

Iingozi kumntwana ongekazalwa

Ukutshaya, okanye ukuba phakathi kwabantu abatshayayo, ngelixa ukhulelwe nako kunokuba yingozi kwiintsana ezingekazalwa. Umsi wecuba unokubangela ukuba umntwana azalwe ngaphambi kwexesha kwaye enobunzima obuncinci. Oku kunokuba yingozi emntwaneni.


Ngokomyinge, abantu abatshayayo bafa kwiminyaka eli-13 ukuya kweli-14 ngaphambili kunabantu abangatshayiyo. Yiyo loo nto, kubalulekile ukuba uyeke.




UKUYEKA NJANI UKUTSHAYA


Kukho iindlela ngeendlela zokuyeka icuba kodwa zonke zixhomekeke kwindlela ozimisele ngayo.


  • Beka usuku ofuna uyeka ngalo utshaya


  • Bhala phantsi izizathu zofuna uyeka


  • Thatha isigqibo ngendlela ozokuyeka ngayo


  • Xelela abantu ukuba uyayeka ubacela bakuncedise


  • Thetha nomntu owayekayo utshaya


  • Lahla yonke into ekukhumbuza ngotshaya


  • Zilolonge udlale nemidlalo


Sicebisa ukuba abatshayayo bazame ukunciphisa inani lemidiza abayitshayayo ngosuku ngalunye ngenjongo yokugqibela yosuku olunye lokungatshayi ngokupheleleyo. Uyakwazi ukulandelela imikhwa yakho yokutshaya usebenzisa icandelo leenjongo zale app.

Thetha nogqirha wakho okanye umboneleli wezempilo ukuze ufumane inkxaso.



Tags
  • Substance Abuse
    Smoking
    Nicotine
    Addiction
    COPD