Isifo sokuwa

Post cover image

Isifo sokuwa

Isifo sokuwa sisigulo semithambo luvo yengqondo esibonakala ngokuxhuzula.


Sithi sichazwe ngokuba sisifo sokuwa ekubeni umntu ethe waxhuzula kabini kwiyure ezingama-24 ngaphandle, kube singadibenanga nesinye isigulo kulomaxa omabini


Zohlukene iindidi zoxhuzula. Nobuzaza kunye nendlela yokuzi nyanga.


Inkxuzulo ingaphatha nabani na noba uneminyaka emingaphi kodwa iqala umntu engakafiki kwiminyaka eli shumi elinesibini .


Ayosuleli iyafana neswekile okanye nesifuba


Yenziwa yintoni inkxuzulo?


Unobangela wokuxhuzula awaziwa kubantu abaninzi. Ngamanye amaxesha yenziwa kulimala entloko, ufuzo, okanye intsholongwane esengqondweni.


Izinto ezibangela umntu axhuzule?


Abanye abantu bafumanisa ukuba inkxuzulo yabo ithi iqalwe zizinto ezithile. Imizekelo yezinto ezithi ziqale inkxuzulo


Ukuyeka ukutya ipilisi zenkxuzulo

Ukungalali ngokoneleyo

Uxinzelelo

Ezinye izigulo

Izibane ezidanyazayo

Ukubasexesheni nolunye utshintsho kwi hormones

Utywala neziyobisi



Zininzi iindidi zokhuxuzula apha ezantsi ngamagama azo


i-Tonic clonic/ grand mal

Zithatha umzuzu omnye okanye emithathu. Umzimba uyaqina okanye umntu abengathi umzimba uyahlasimla. Kulandele ukubhideka kwengqondo.


i-Absence

Ukujonga njee okuthatha imizuzwana ngamanye amaxesha kuhamba nokuqhwanyaza okanye ukuhlafuna.


i-Focal onset/ complex partial

Ukujama nenkangeleko yobhideka lomntu akayazi kwenzeka ntoni, ukuphela kwaso akazokhumbula ba bekusenzeka ntoni. Kuthatha umzuzu okanye emibini kulandele ubhideka kwengqondo


i-Focal onset/ simple partial

Ukuhlasimla komzimba kwindawo enye okanye kwindawo ezifana namehlo abantu abajongileyo kungenzeka bangayazi ba kuqhubeka ntoni lomntu uxhuzula uthi wakugqiba uxhuzula akhumbule yonke into ibisenzeka.


i-Atonic/drop attacks

Lomntu uyawa avuke emzuzwini


i-Myoclonic

Ukuhlasimla komzimba wonke ngokwesiquphe



Ungenzani ngezinto ezibangela uxhuzule


Ukuba uyazazi izinto ezibangela uxhuzule ungenza Oku:


Xelela umongikazi/mongi wakho

Qhubekeka ngokutya amayeza akho

Nciphisa utywala

Lala ngokoneleyo

Sela amanzi rhoqo

Yitya ukutya okusempilweni

Nciphisa istress

Gcina incwadi obhala kuyo uba uxhuzule kangaphi, kwathatha ixesha elingakanani, nokuba uxhuzule kangaphi enyakeni



Ungamnceda njani umntu oxhuzulayo


1. Hlala naye de agqibe ukuxhuzula azazi ba uphi. Jonga uba uthathe ixesha elingakanani, phola ujonge icard lase clinic nantoni na echaza ngesigulo sakhe.

2. Mkhusele umsuse endaweni enobungozi

3. Mlalise ngecala. Qinisekisa ungenelwa ngumoya, mkhulule impahla embambileyo entanyeni, umbekele into yoqamelela

4. Biza iambulance ukuba:

Kudlula imizuzu emihlanu esaxhuzula.

Akabuyeli ezingqondweni.

Ulimele, ukhulelwe okanye uyagula.

Uyaphinda phinda uxhuzula. Uyaqala uxhuzula.

Kunzima uphefumla

Uxhuzulela emanzini

5. Sukumfaka izinto emlonyeni.


Inyangwa njani?


Isifo sokuxhuzula silawulwa ngamayeza kunye nezinye iindlela zonyango ezijoliswe ekuthinteleni ukuxhuzula, okubizwa ngokuba lunyango lwe-anticonvulsant. Oku kumiselwa ngumboneleli wezempilo onelayisensi kwikliniki okanye esibhedlele esikufutshane nawe.



Related Posts

Tags
  • Epilepsy
    Fits
    Seizures