Utyatyazo

Post cover image

Utyatyazo

Kubalulekile ukwazi ukuba ukuze abantwana babenempilo eyiyo badinga izakha mzimba ne zimbiwa neetyiwa (electrolytes) ezaneleyo


Zintoni i-electrolytes?

iElectrolytes zityiwa ezifunyanwa ekutyeni ezincedisa umzimba wenze umsebenzi wawo kakuhle. Ezinye zezityiwa ekunokuthi wakhe wava ngazo, umzekelo yi sodium, potassium,calcium ne magnesium.


Tyiwa nganye yenza umsebenzi wawo. Umzekelo isodium inoxanduva lokuhambisa amanzi emzimbeni, icalcium yona yakha amathambo.


Umzimba uyakwazi ukulawula ezityiwa nemisebenzi yawo ngaphandle xa kukho izigulo ezifana notyatyazo.


Yintoni utyatyazo?


Utyatyazo kukhupha ilinde elithambileyo okanye elimanzi kathathathu ngemini. Zininzi izinto ezibangela utyatyazo ezidumileyo zintsholongwane iviruses nebacteria. Ukuzikhusela ku tyatyazo sela amanzi acocekileyo, uhlambe izandla rhoqo. Ukuba ucinga amanzi akho akacocekanga, funda isibonelelo esongezelelweyo sendlela yokucoca amanzi akho. Nokuqinisekisa ukuba umntana ugonyiwe kunceda kakhulu.


Abantwana abano tyatyazo baphulukana namanzi, izakha mzimba netyiwa kwilindle labo. Oku kwenza baphelelwe ngamanzi emzimbeni, babhitye, ityiwa ezisemzimbeni zingalingani kakuhle.Utyatyazo libulala abantwana abaninzi ehlabathini. Kubalulekile ukwazi luyanyangeka kwaye kulula ukulinyanga.


Wenze njani xa umntanakho enotyatyazo


Ukuba umntanakho unotyatyazo into yokuqala yenza into ebizwa ukuba yi ORS (Oral Rehydration Solution ). iORS isebenzisa isodium ekwi tyiwa yesiqhelo neswekile ukwenza amanzi abuyele emzimbeni


1.ubilisa amanzi angange 1 litre

2.ugalele ama teaspoon asibhozo (8) eswekile

3.ugalele isiqingatha setispuni setyiwa


Kubalulekile ulandele lendlela kuthwa wenze ngayo lomxube. Ayinosebenza xa ungayilandelanga kakuhle. Linda umxube uphole phambi koba uselise umntana. Ukuba uye wagabha usamselisa, mlinde imizuzu elishumi phambi koba uphinde umselise.


Ukuba uyagabha, uyaxhuzula, utyhafile okanye akancanci, yisa umntana ekliniki.



Tags
  • Diarrhoea
    Diarrea
    Dehydration
    Runny Stomach