Unxinzelelo lwegzi (iHigh-high)

Post cover image

YINTONI IHIGH-HIGH


Imithambo isebenza njengemibhobho yohambisa igazi. Igazi lihambe ngoxinzelelo oluthile.


iHigh-high kuxa igazi lakho emithanjeni libetha ngoxinzelelo oluphezulu.


I high high ibizwa ngoba ngumbulali othuleyo ngoba abantu abaninzi abazazi uba banayo de yenze umonakalo.


iHigh-high yingozi engabeka ubomi bakho emngciphekweni.



ZINTONI EZIKUBEKA EMNGCIPHEKWENI WE HIGH-HIGH?


Zininzi izinto ezikubeka engozini ye high-high.

Njengo kutya okungekho sempilweni. Utywala.

Ukungazilolongi.

Ukutyeba.



IIMPAWU


Abanye abantu ababinazo iimpawu.



IINGXAKI EZINOVELA


iHigh-high iyakwazi ukumosha amalungu omzimba abalulekileyo. Iyakwazi ukwenza istroke engqondweni ngokuvala okanye igqabhuze imithambo engqondweni.


Ingavala imithambo entliziyweni yenze iintlungu esifubeni. Yenze intliziyo ime.


I high high ingenza umonakalo kwizintso zakho ezikhupha iityhefu emzimbeni.



UKUTHINTELA


Ukutya ukutya okune tyiwa encinci, iteaspoon ibenye ngemini.

Ukutya iziqhamo nemifino. Ungatyi ukutya okunamafutha.

Utywala nokutshaya kuyayenza ihigh-high.



UNYANGO


Inyathelo lokuqala elibalulekileyo lokunyanga uxinzelelo lwegazi kukuphucula indlela ophila ngayo. Njengoko kuxoxiwe ngasentla, ukutya ngendlela enempilo, ukwenza umthambo kunye nokuyeka ukutshaya notywala ngamanyathelo aphambili okuthintela nokunyanga uxinzelelo lwegazi.


Kukho iintlobo ezininzi zamayeza anokuthi anikwe ngumboneleli wakho wezempilo, njengale:

  • I-ACE inhibitors (ngokuqhelekileyo i-enalapril) ukunciphisa uxinzelelo lwegazi kunye nokuphucula ukusebenza kwezintso
  • I-Beta blockers kunye ne-calcium channel blockers (ngokuqhelekileyo i-amlodipine) ukunciphisa uxinzelelo lwegazi
  • I-Diuretics okanye 'iipilisi zamanzi' (ngokuqhelekileyo i-Ridaq) ukunciphisa amanzi amaninzi kwiintso.

Yintoni enokwenzeka ngaphandle konyango?


Uxinzelelo lwegazi lunokonakalisa amalungu abaluleke kakhulu. Inokubangela istroke ebuchotsheni bakho ngokuvala okanye ukugqabhuka kwemithambo. Kwintliziyo yakho, inokuthi ithintele ukunikezelwa kwegazi kwisihlunu sentliziyo kwaye ibangele intlungu yesifuba, ukungaphumeleli kwentliziyo kunye / okanye ukuhlaselwa yintliziyo. Uxinzelelo lwegazi lunokonakalisa izintso zakho, ezidlala indima ebaluleke kakhulu ekukhupheni i-toxins egazini lakho.



Tags
  • Hypertension
    High Blood Pressure
    HPT
    Chronic Disease
    Non-communicable Disease