Umhlaza wekholoni

Post cover image

Umhlaza wekholoni

Xa usitya ukutya kuhla kuye kumathumbu amancinci,kwi kholoni, kwithumbu lokugcina ukutya ithutyana ze ekugqibeleni kuye kwintunja yokuzikhulula/yokuzithuma. Umhlaza we kholoni ngumhlaza wesithathu oxhaphakileyo emhlabeni.


Wenziwa yintoni umhlaza we kholoni?


i85% womhlaza we kholoni awuna nobangela, 15% lufuzo.


Yintoni ekubeka emngciphekhweni womhlaza we kholoni?


  • Ubudala
  • Abantu abanesifo sodunjelwa ngamathumbu iInflammatory bowel syndrom
  • Ukutyeba okugqithisileyo
  • Ukutya inyama ebomvu
  • Usela utywala
  • Ukutshaya
  • Ungazilolongi


Wenzeka njani umhlaza we kholoni?


Inwebu yesisu kunye namathumbu itshintshwa rhoqo. Kukolutshintsho apho kuye kubekho iimpazamo, mpazamo ezo zenza umhlaza we kholoni



Izinto onozenza zonqanda umhlaza we kholoni


Yitya ukutya okusempilweni, zilolonge, sutshaya/usele. Kubalulekile xa unama shumi amahlanu uyojongwa lomhlaza esibhedlele. Thabatha iminyaka elishumi kwiminyaka umzali okanye umntana wakowenu wafunyanwa enalomhlaza, lominyaka uyifumanayo yile ngewuyojongwa ngayo esibhedlele



Tags
  • Colon Cancer
    Cancer