Umhlaza Webele

Post cover image

YINTONI UMHLAZA WABELE?


Ibreast cancer ngumhlaza we bele kulapho icells zebele zikhula ngendlela engeyiyo nengalawulekileyo. Ezi cells zibulala icells ezi right. Ziyakwazi nokukhula zinwenwele engqondweni nase thanjeni.



NGOBANI ABASEMNGCIPHEKWENI?


  • Ngabantu esi sifo sikhona kwisapho labo
  • Ngabantu abangena bantwana/ abana bantwana xa bedlule ku 30.
  • Abantu abatshayayo nabaselayo
  • Abantu abatyebileyo kwaye bengazilolongi.
  • Ungcipheko luyanda ngeminyaka



IIMPAWU


  • Ukushwabana kwebele
  • Igaqa ebeleni okanye ekhwapheni
  • Utshintsho kumbala wengono okanye ubanencindi kwingono
  • Ukudumba kwekhwapha okanye egxalabeni
  • Ukuba neengono ezingalinganiyo
  • Ukubanengono enezinxonxo
  • Amabele angami endaweni enye/ elinye liphezulu kunelinye.


IINGXAKI EZINOVELA


  • inwenwela emiphungeni- umphefumlo uba mfutshane, ubene khohlo-khohlo nesifuba esibuhlungu
  • Inwenwele kumnqonqo uba nentamo ebuhlungu. Umqolo obuhlungu imilenze ingabinamandla
  • Xa isesibindini uba nesi zaphu zaphu. Ne jaundice.
  • Engqondweni ubanentloko, uxhuzule nokubhideka.
  • Unxanwa oko. Uchame oko. Uyaqunjelwa. ugabhe


UKUNTHINTELA


Ukuthintela: zivavanye qho ngenyanga


Omama abana 40 unyuka kumele baye kwi mammogram ( imammogram yi x ray ejonga amaqhuma ebeleni )nyaka na nyaka ze abana 55 unyuka baye qho emva kweminyaka emibini.



UNYANGO


  • Unyango luxomekeke ekubeni ufunyanwe engakanani umhlaza. ukusuwa umhlaza nge operation kuxhaphakile
  • i-Radiation- yintlobo nyango ecutha umhlaza ebeleni
  • i-Chemotherapy- yintlobo nyango ebulala icells zomhlaza
  • i-Hormone therapy- yintlobo nyango ebizwa Tamoxifen esentyenziswayo xakuqandwa ukhula komhlaza
Tags
  • Breast Cancer
    Breast
    Cancer
    Womens Health