Ukwazisa ngeMpilo yengqondo

Post cover image

YINTONI IMPILO NGOKWENGQONDO?


Ukuba nengqondo ekwimpilo entle kuthetha ukuba uyakwazi ukumelana no xinzelelo. Ulincedo ekuhlaleni, uyakwazi ukusebenza kakuhle naxa uphantsi ko xinzelelo.


Izigulo zengqondo zifana nezinye izigulo kwaye kumele ziphathwe njalo. Kukho iindidi ngeendidi zezigulo ze ngqondo. Zininzi izinto ezenza izigulo zengqondo, ezifana:


Ukusuka kwilizwe ekugquba imfazwe kulo.


Ukudlula kwinto emasikizi/ ebuhlungu .


Ukusebenzis iziyobisi.


Abanye bazalwa begula ngengqondo.



UNGENZA NTONI?


Ezinye izigulo zengqondo zinga thintelwa.


  • Ukunxibelelana neengcali zempilo yengqondo
  • Chitha ixesha nabahlobo
  • Chitha ixesha nabantwana bakho ubakhuthaze
  • Cela uncedo xa uziva uphantsi koxinzelelo
  • Ezinye izigulo zengqondo zincedwa nge pilisi



UNGANXUMANA NABANI

Ukuba nesifo sengqondo kufana nokuba nalo naluphi na uhlobo lwesigulo. Ufanele unyango. Kukho oogqirha, abongikazi kunye neengcali zengqondo ezinokunceda abantu abagula ngengqondo.


  • Xa uziva engathi udinga uncedo, kulungile uyobona ugqirha wakho. Ugqirha angakuthumela kwipsychologist enokunceda ngezempilo zengqondoo
  • iSouth African Depression and Anxiety Group (SADAG) yiorganisation enokunceda ikufumanele umntu onolwazi onothetha naye xa udinga uncedo



Tags
  • Mental Health
    Anxiety
    Depression