Ucwangciso olungxamisekileyo

Post cover image

Ucwangciso olungxamisekileyo

Lendlela yocwangcisa isetyenziswa xa wabelene ngo sondo ngaphandle kwe kokhuseleko.

Zimbini iindidi zolucwangciso emzantsi afrika:

  1. Iipilisi zocwangciso olungxamisekileyo ne
  2. Copper intrauterine device, i-IUD.

Lentlobo yocwangciso isebenza kakuhle kwiintsuku zokuqala ezintlanu okanye kwi yure zokuqala eziyi 120. Ipilisi isebenza kakuhle xa ikhawuleze yasetyenziswa. Icopper device yona isebenza na nini na kweza ntsuku zintlanu. Kucetyiswa usebenzise ipilisi ngoba ayidingi kufakwa ngaphantsi yona

Kucetyiswa usebenzise iCU IUD ukuba:

  • Zidlule iintsuku ezisihlanu.
  • Ufuna ukuyisebenzisa emva kweza ntsuku zintlanu.
  • Iipilisi zocwangcisa ziyakugabhisa

Ngokubalulekileyo: ungazifumana iipilisi zocwangciso olungxamisekileyo epharmacy ngaphandle kwephepha lika gqirha. Zisebenza kakhulu kwi yure zokuqala ezingama shumi amabini anesine (24 hours).

Ziintoni iipilisi zocwangciso olungxamisekileyo?

Zipilisi ezine hormones ezininzi ukodlula ezi uzitya rhoqo zocwangcisa, zisebenza ngokunqanda iqanda lingehli liye esibelekweni, ezipilisi azisikhuphi isisu.

Imiphumela


Imiphumela isizaphuzaphu nokugabha. Ukunciphisa oku yitya phambi kokuzisela. Ukuba ugabhe emva kwee yure ezimbini uzityile phinda uzitye kwakho.

Ukubuyela ekuchumeni


Ngokubalulekileyo, emva kosebenziso kwepilisi zocwangciso olungxamisekileyo, ubuyela ngoko ekuchumeni.

Indlela yokutya ezi pilisi


Kufuneka uyixelelwe ngu mongi wakho. Ezi pilisi zityiwa kabini. Eyokuqala kwii yure eziyi 120 zokuqala eyesibini kwi yure eziyi 12 emva kweyokuqala.

Izinto zokucingelwa

Ungaya exesheni zingekafiki ezantsuku uqhele ukuya ngazo/ sele zidlule.
Sebenzisa icondom emva koku sebenzisa le pilisi.
Ungaqalisa ucwangcisa ngexesha elinye nale pilisi.
Ukuba kudlule iveki ungayi exesheni jonga ukuba awukhulelwanga.

iCopper IUD (Funda iphetshana lethu ngeeIUD)


CU IUD yeyona ndlela isebenzayo ekucwangciseni. Inqanda isperm singadibani ne qanda esibelekweni. Iyashiywa esibelekweni njengendlela yocwangcisa. Ukuba awufuni kuyisebenzisa njengendlela yocwangcisa ungayikhupha xa uphinde wase xesheni.

Tags
  • Emergency Contraception
    Morning After Pill
    Plan B