iTonsilitis

Post cover image

iTonsillitis

iTonsillitis kukudumba kwe tonsils. Itonsils ngamadlala afunyanwa emva komqala, asebenza ekulweni iintsholongwane. Xa lamadlala engenwe ziintsholongwane kuye kuqale isigulo esibizwa uba yi-tonsilitis. Oyena nobangela udumileyo we tonsils yintsholongwane ebizwa uba yi-streptococcus pyogenes.


Izinto ezikubeka emngciphekweni ye-tonsilitis


  • Ukubane tonsillitis ebuntwaneni nasebutsheni, phakathi kweminyaka emibini neminyaka eli shumi elinesihlanu 2-15.
  • Ukuxhatshazwa zintsholongwane ezibangela itonsils


Iimpawu


  • Umkhuhlane
  • Ingqele
  • Umqala otshisayo
  • Iintlungu emveni komqala
  • Iintlungu xa uginya
  • Iintlungu ezihamba ngeendlebe xa uginya
  • Iintlungu xa ukhamisa
  • Umlomo/umoya onukayo
  • Ilizwi elirhoxozayo
  • Intloko ebuhlungu


Inyangwa njani


  • Itonsilitis inyangwa nge antibiotics xa unobangela izintsholongwana ibacteria.
  • Ipilisi zentlungu iparacetamol/ibuprofen
  • Ukubeka umkhenkce kulendawo ibuhlungu
  • ukutya okungamanzi
  • itonsils ziyakutshwa xa umntu efumana itonsillitis ngaphezu kwesinye okanye xa itonsils zivalwa umlomo okanye zivala umoya.
Tags
  • Tonsillitis
    Throat