iTB

Post cover image

YINTONI iTB?


iTB imele iTuberculosis, ibizwa isifo sephepha. Ibangelwa yintsholongwane ekuthwa yi mycobacterium tuberculosis.

iTB le ichaphazela imiphunga kakhulu, kodwa iyakwazi nochaphazela amanye amalungu omzimba, ngakumbi xa ixesha lide inganyangwanga.



ZINTONI IZINTO EZENZA UMNTU ACHAPHAZELEKE?


Ukuba amajoni omzimba wakho aphantsi, ungayifumana iTB. Umntu uyifumana ngoyiphefumla emoyeni emvakoba ikhohlelwe okanye iphefumlwe, ngakumbi kwindawo ezine festile neminyango evaliweyo ezino moya ongacocekanga.



IIMPAWU


iTB yenza umntu abenokhohlokhohlo elingapheliyo eligqithisela neveki ezimbini. Yenza umntu abile ebusuku, ahle nasemzibeni.



INGXAKI EZIVELAYO


Xa ungathathi amayeza njengoba uyalezwe ngabantu bezempilo, iTB iyakwazi usuka emiphungeni iye kwezinye indawo emzimbeni njenge ngqondo namathambo. iTB iyakwazi iphinde yohlule amayeza xa ungawathathi rhoqo.



UKUTHINTELA


  • Xa ukhohlela, kunceda uvale umlomo ngengalo.
  • Ukuvula kwefestile neminyango endlini nasezitaxini.
  • Ukuthatha amayeza rhoqo.


UNYANGO


Kukho amayeza awohlukeneyo anokunikwa ngababoneleli bezempilo ukunyanga i-TB. Lamayeza abizwa ngokwe antituberculosis medication. Injongo yalamayeza kukuphucula umgangatho wobomi ngokunciphisa ukwenzeka kweempawu kunye nokunqanda ibhaktheriya ekuphindaphindeni.

Unyango oluqhelekileyo lwe-TB yemiphunga lusebenzisa ipilisi yesi-4 kwi-1 ebizwa ngokuba yindibaniselwano yedosi emiselweyo. Eli chiza lithathwa yonke imihla ubude beenyanga ezi-6. Okubalulekileyo, eli chiza linikwa kunye namanye amachiza ukunqanda iziphumo ebezingalindelekanga zendibaniselwano yedosi emiselweyo. Kubalulekile ukuba uxele naziphi na iziphumo ebezingalindelekanga ezimandundu kwiziko lakho lezempilo.



Tags
  • TB
    Tuberculosis
    Mycobacterium Tuberculosis
    Cough