Isifo sezilonda esiswini iulcer

Post cover image

Isifo sezilonda esiswini (iulcer)

Isifo seziilonda esiswini zizilonda eziphuma kwiinwebu zokuqala zesisu okanye kwi thumbu elibizwa ukuba yiduodenum.


Kwimeko ezilungileyo iacid eyenziwa esiswini nenwebu yezisu zikhuselekile. Ukulimala kwezinwebu kuye kwenzeke xa imeko ziphazamisekile kolu khuselo kuphume isilonda.


Senziwa yintoni isilonda?


Isilonda esiswini senziwa zezi zinto zilandelayo:


  • Yintsholongwane ebizwa uba yi H pylori. iH pylori ingunobangela we 90% yezilonda kwi duodenum kunye ne 70% yezilonda kwisisu
  • Ukusebenzisa amayeza onqanda iintlungu ane aspirin: idisprin, grandpa ne ibuprofen ixesha elide.
  • Usebenzisa icocaine ne methamphetamines (Tik)
  • Ukutshaya: xa utshaya uphinde ungenwe yi ntsholongwane iH pylori kukufaka emngciphekweni wofumana iulcer kwenze kubenzima uba iphole
  • Stress esenziwa kukugula kakhulu


Iimpawu


  • Iintlungu ezitshisayo entla kwe sisu, edla ngokuba buhlungu kakhulu emva kokutya.

Ezinye iimpawo ezinovela:

  • ukuqunjelwa sisisu
  • Isitshisa
  • Ukopha
  • Ukuba nzima uginya
  • Ukugabha
  • Ukuhla emzimbeni


Ukuba uva iintlungu kwezi zintathu zokugqibela yiya esbhedlele




Sibonwa njani isilonda?

Kufakwa umbhobho omncinci onekhamera (endoscope) emlonyeni kujongwe umonakalo esiswini nakwiduodenum. Ayikho buhlungu.


Inyangwa njani?


Izilonda zincedwa zithintelwa ngokususa unobangela wazo:

  • ukuyeka utshaya
  • Ungasebenzisi iaspirin, disprin, ibuprofen, grandpa rhoqo.
  • Iantibiotic ekethekileyo yokulwa ne H. pylori.
  • Uyeke notywala ngalomzuzu izilonda zipholayo


Izilonda ezi zithatha ixesha elingange veki eziyi 6/8 ukuphila. Kufuneka uye kwi endoscope ukuqinisekisa ba zipholile.



Tags
  • Peptic Ulcer Disease
    Heartburn
    Stomach Pain
    Ulcer
    Stress Ulcer