Isifo samathambo iRheumatoid Arthritis

Post cover image

Yintoni iRheumatoid Arthritis?

iRheumatoid Arthritis sisifo samathambo apho amajoni akho omzimba aye ahlasele amalungu. Oku kuhlaselwa kwenza amalungu adumbe ekuhambeni kwexesha lomonakalo uye ufike kwindawo ezingqungileyo, nangona ichaphazela amalungu iye ifumaneke nakwezinye indawo.


Yintoni unobangela we-rheumatoid arthritis?


Akwaziwa ukuba enziwa yintoni kodwa imfuza iyayidlala indima. Izinto ezibangela ubesemngciphekweni wamathambo:

  • Ukuba ngaphezulu kweminyaka engamashumi amahlanu (50).
  • Ukuba ngowase tyhini
  • Ukutshaya
  • Imfuza


Iimpawu

  • Amathambo aqala kancinci ze akongamele ekuhambeni kwexesha. Ingaqala endaweni enye, ekuhambeni kwexesha abe kwindawo yonke.


  • Iintlungu nokudumba kuqala ekuseni, zithatha isiqingatha se yure. Ibangathi Kunzima ukuba zisebenze ngenxa yodumba.


  • Abansi sifo baziva bediniwe okuthatha iiyure ezimbalwa.


  • Irheumatoid arthritis iyayichaphazela nentliziyo, imiphunga, udakada, nenkqubo yemithambo-luvo



Ngawaphi amalungu afunywa yi arthritis?


  • Iqala ezandleni, iye ezihlahleni, engqinibeni, nasemagxeni, emaqatheni nasentanyeni ukubiza nje indawo ezimbalwa
  • iRheumatoid arthritis ichaphazela omabini amacala omzimba.


Ibonwa njani?


Ugqirha ujonga impawu kwigazi lakho. kujongwa nencindi yamalungu ukuba ayinaso na esi sifo kuye kuthathwe ne X rays kujongwe umonakalo



Unyango

Unyango lweRheumatoid arthritis lujolise ekunciphiseni ukudumba. Ukunciphisa ukuvuvukala kuya kunceda ukunciphisa iimpawu kunye nokukhusela ingozi eyongezelelweyo emzimbeni. Ugqirha wakho uya kukwazisa ukuba ngawaphi amayeza akulungeleyo.

Ngokuqhelekileyo, oogqirha baya kumisela amayeza okuphelisa iintlungu kunye nohlobo lwechiza (s) olubizwa ngokuba yi-DMARDs (ezifana neMethotrexate). Iisteroids zinokusetyenziswa ngakumbi ngexesha lokuqhambuka kwezifo.


Ukuzivocavoca, iPhysiotherapy kunye nonyango lwe-Occupational Therapy luluncedo kakhulu ekuthinteleni ukulahleka koluhlu lokuhamba kumalungu akho kunye nokunciphisa iimpawu.


Ngamanye amaxesha utyando lwenziwa ukubuyisela ilungu ukuba isifo sinzima.







Tags
  • Arthritis
    Rheumatoid Arthritis
    Joint Pain