Isifo samathambo iPsoriatic Athritis

Post cover image

Isifo samathambo iPsoriatic Athritis

Psoriasis yimeko eyenza amaxolo, ulusu olubomvu, nolurhawuzelelayo, Iphuma engqinibeni, entloko, emadolweni nasezimpundu


iPsoriatic arthritis yimeko yamathambo apho udumba uve neentlungu apho amathambo adibana khona. Ezintlungu zichazwa njengoku qina kwamathambo ngakumbi ngexesha lase kuseni ziye zibengcono ekuhambeni kwemini.


Yintoni unobagela wesi sifo?


Siyayazi ukuba ipsoriasis ibangelwa ngamajoni omzimba alwa kungekho sidingo, akwaziwa ukuba yintoni unobamgela wazo.


  • Ipsorias lufuzo
  • Psoriatic arthritis yenzeka xa kukho ipsoriasis
  • Iqala kwiminyaka i30 ukuya kwi50



Unyango


  • Amayeza anqanda ukudumba nokutshabalala kwe joints
  • Ugqirha angakunika iprednisone ixesha elifutshane


  • Ugqirha angakunika imethotrexate. Kubalulekile ukuxelela ugqirha wakho ukuba uthwele xa uzokutya imethotrexate ugqirha azoyitshintsha.


Ungenza ntoni ukuncedisa unyango lwakho?


  • Yeka ukutshaya ngoba kophazamisa amayeza akho


  • Yihla emzimbeni. Ukutyeba kusinda joints esele ziphantsi koxinenezelelo Yi arthritis


  • Zilolonge uzokuhla emzimbeni, uncedise nokuhambisa igazi emzimbeni.


  • Qinisa amathambo ngokutya okufanana nebisi nemifino.



Tags
  • Psoriasis
    Arthritis
    Joint Pain