Isifo samathambo

Post cover image

iOsteoarthritis

iOsteorathritis yintlbo yesifo samathambo esisiphumo sokonakala ngokukhulula. iOsteoarthritis iqala ngakumbi kwabantu abasondele kuminyaka eyi-60. Intlala yamalungu akho iya isihla ngokuhamba kwexesha, kubenzima usebenzisa amathambo.


Intlala luhlobo lwethishu eligubungela amathambo kwaye livumela amathambo ukuba agudle ngaphaya komnye. Umonakalo kule ndawo wenza ukuba kube nzima ukuba amathambo ahambe kwaye emvakwexesha lineziphumo zokukhubazeka komzimba kunye nentlungu.

Ngesiqhelo, iOsteoarthritis ikhula kancinci kwisithuba seminyaka emininzi kwaye ingaqala kwilungu elinye kuphela.


amalungu adla ngokuchaphazeleka:

  • Awezandla
  • Amadolo
  • Awesinqe
  • Awomqolo

Amadoda achaphazeleka kakhulu esinqeni ngelixa abasetyhini bechaphazeleka kakhulu ezandleni nasemadolweni.


Izinto ezinyusa ithuba lokufumana iOsteoarthritis

  • Ubudala- ngokwesiqhelo ukuqala kwi-50s kunye nee-60s zakho
  • ukutyeba kakhulu
  • Isini- abasetyhini bachaphazeleka ngakumbi kunamadoda.
  • Imfuza
  • ukwenzakala kwangaphambili kwilunga
  • umsebenzi- abasebenzi basezimayini nabalimi abasemngciphekweni


Impawu

  • intlungu eyenzekayo kunye nokunyakaza okanye ukuthwala ubunzima
  • ukuqina kwamalungu okuhlala ngaphantsi kwesiqingatga seyure
  • Ukukhala kwelungu xa uhamba
  • Ukudumba kwamalungu achaphazelekayo

Ukuxilonga

iOsteoarthritis ixilongwa ngobonwa kwezimpawo. I-x ray yelungu elichaphazelekayo iyenziwa ukunceda ekuchongeni isifo.

Ulawulo

Akukho kuthintelwa okwaziwayo kwe-osteoarthritis. ukulawulwa kwesi sifo kusekelwe ekunciphiseni iimpawu kunye nokunciphisa ukukhubazeka


indlela yokuphila

  • Ukuhlisa ukusinda komzimba
  • Ukuzilolonga
  • Usebenzisa Imiqulu yomkhenkce
  • Ukuphulula
  • izihlangu zamathambo okanye intonga yohamba

Amayeza

  • Amayenza ohlisa intlungu
  • Inaliti kwilungu eyodambisa impawu

Utyando

Kwi osteoarthritis eqatha, utyando lokutshintsha amalungu lunokwenziwa.



Tags
  • Arthritis
    Joint Pain
    Osteoarthritis