Ingxaki yokudlwengulwa

Post cover image

​​Udlwengulo sisenzo sobundlobongela apho umntu esebenzisa izenzo zesondo ukuze adlwengule kwaye enzekalise omnye umntu.

Umthetho wethu ukuchaza ukudlwengula njengo kuzinyanzela emntwini ngosondo. Ukudlwengula bubundlobongela apho umntu asebenzisa isondo ukulimaza umntu

Wenza njani xa udlwengulwe?

Yiya esibhedlele okanye emapoliseni ngokukhawulezileyo. Ukudlwengula yinto enobundlobongela eyenza umntu abe buthathaka, onzakale ngokomzimba nangokwengqondo. Kuyafuneka xa usebenza nabantu abahlukumeziweyo ube nomonde nenkxaso.



Lamanyathelo alandelayo athathwa kwi Cape Town Rape Crisis centre


1. Yiya kwindawo ekhuselekileyo.

2. Xelela umntu wokuqala omthembileyo ukuba kwenzeke ntoni.

3. Yiya kwa gqirha/esbhedlele uyofumana uncedo.

4. Kufuneka ufumane uncedo kwi yure zokuqala eziyi-72 uzokwazi ukuthintela i-HIV.

5. Uza kufumana unyango nokuba awuzukubambisa.

6. Cela into yokucwangcisa ukuthintela ukukhulelwa.

7. Ukuba uye wakhulelwa ngenxa yodlwengulwa ungasikhupha isisu.

8. Cela iphepha lika gqirha ukuba udinga ixesha lokuphumla emsebenzini

9. xela esi sehlo emapoliseni


Esibhedlele


Yiya kwisibhedlele esikufutshane kuwe uchaze udlwengulwe. Abongi bazokucela imvume yakho yokuvavanya i-HIV. Ukuba ufunyanwe ungenayo i-HIV uzonikwa i-ARV's ezibizwa ba yi PEP. iPEP imele i-Post Exposure Prophylaxis, unyango olunqanda ungayifumani i-HIV. Uzitya iintsuku eziyi 28. Kubalulekile uzitye uzigqibe noba zikuphatha kakubi. I-PEP isebenza kakuhle kwi yure eziyi 72 zokuqala emvakwe siganeko.


i-PEP ine pilisi yocwangcisa nepilisi zokubalala iintsholongwane. iPEP inqanda kwkunye ne zifo ezosulela ngokwabelana ngesondo (iSTI's). Ukuba uye warhawuzelelwa okanye waphuma incindi ngaphantsi phindela esbhedlele uyothatha unyango lwe STI.

Kuya kufuneka uphinde uyokuvavanywa kwakhona i-HIV emva kwenyanga ezintathu kuqinisekiswe ba awunayo lentsholongwane.


Ukuba uzobambisa ukhona umntu ozothatha igazi, iinwele ezisheyeke emzimbeni, nencindi yalamntu okuhlukumezileyo eshiyekele emzimbeni wakho. Ukuba ufuna kubizwe amapolisa use sibhedlele ayabizwa. Ukuba uqale emapoliseni angakusa ngokwawo esbhedlele.


Emapoliseni


Aliphelelwa ixesha lokuxela udlwengulo. Lihlala likhona ixesha lokubambisa.


1. Ungacela ubonwa kwi gumbi elilodwa

2. Istatement kumele sibhalwe ngolwimi lakho

3. Uzocelwa uchaze ukuba kwenzeke ntoni, ukuqala ekuqaleni uyotsho ekugqibeleni. Ukuba awukwazi kunika ingcombolo ngeloxesha, umntu ophethe ityala lakho uzokubiza ngemini elandelayo okanye emva kwe yure eziyi 36


Unelungelo locela uncedwa lipolisa elibhinqileyo. Unelungelo lophathwa ngentlonipho nesidima. Ukuba awuphethwanga ngazo uyakwazi ukusa isikhalazo sakho kumphathi


Ungenza njani ukuba uye wakulelwa?


  • Ungaphelisa ukukhulelwa emva kwe veki eziyi 12 kwi kliniki zika rhulumente.
  • Kwizibhedlele nakwi kliniki zabucala, ungaphelisa ukukhulelwa emva kwe veki eziyi 20.




Amalungelo akho


  • Ilungelo lofumana unyango simahla, ulwaluleko lwengqondo, nengcebiso zomthetho
  • Ilungelo lokufumana amayeza afana ne PEP emva kweyure eziyi 72
  • Ilungelo lofumana ipilisi engxamisekisileyo yocwangcisa

Amaziko ononophelo iThuthuzela ngamaziko akhethekileyo anika uncedo nenkxaso kumaxhoba odlwengulo. Bazinze kwizibhedlele ezingama-54 kuMzantsi Afrika. Ngolwazi oluthe kratya, funda ngakumbi ngoThuthuzela phantsi kwezixhobo.



Tags
  • Rape
    GBV
    Gender Based Violence
    Womens Health
    IPV
    Intimate Partner Violence
    Abortion
    Termination of Pregnancy