Impilo emsebenzini

Post cover image

Umzantsi Afrika unomthetho obizwa ngokuba yi occupational health and safety Act (i-OHSA) omiselwe ukujongana nokhuseleko lwempilo zabantu emsebenzini.


Lomthetho yindlela urhulumente aqinisekisa ngayo ukuba abantu abonzakali/ bosuleleke zizifo emsebenzini. Oku kubala ukucoceka kwendawo osebenza kuyo, amayeza anxulumene nezigulo eziza nalomsebenzi, nokhuseleko lwase msebenzini.


Ucoceko lomsebenzi


Ukulindela, ujongane ukwazi umelana nezinto ezinokuthi zibengunobangela wezigulo ezithi zifunyanwe ngabasenzi.


Amayeza anxulumene nezigulo


Ukunqanda, ukhusela, uxilongwa kwezigulo kunye nomonzakalo onokuthi uvele ngenxa yomsebenzi.


Ukhuseleko lwasemsebenzini


Apha kuthethwa ngendlela ekuphathwa ngayo iingozi ezenzeka emsebenzini.


Uxanduva lomqeshi


Umqeshi unexanduva lokuqinisekisa ukuba lendawo kusetyenzwa kuyo ikhuselekile.

1. Sizibonile izinto ezinobayi ngozi?

2. Sijongile kungonzakala bani?

3. Abantu bangachaphazeleka njani?

4. Singenza ntoni?


Ukubona izinto eziyingozi kunceda wazi indlela yokuzithintela. Kunganyanzeleka ususe lento iyingozi okanye nokunxiba iimpahla zokhusela


Ngubani okhuselwa Yi OHSA


Kukhuselwa abasebenzi ngokwendawo abasebenza kuzo. Umqeshi angadliwa imali okanye abanjwe ngongawulandeli lomthetho. Umthetho omelene nokonzakala kwabantu emsebenzini ugunyazisa ukuba babhatalwe ngokonzakala emsebenzini. Lomthetho ubizwa ngoba yi Compensation for Occupational Injuries and Disease Act (COIDA).


COIDA


Ibhatala abantu abonzakele nabathe basutywa kukufa emsebenzini. Ikhupha ezinkonzo:


  • Ukusiwa kugqirha simahla
  • Ufumane umyinge oyi 75% womvuzo wakhe de kudlule iminyaka emibini
  • Kubhatalwe umngcwabo
  • Kubhatalwe ipension kumhlolokazi okanye abantwana


Ngubani onofaka amabango


  • Ungafaka ibango ukuba uphangela isigxina kwaye awuqeshwanga emapoliseni okanye ebujonini.
  • Umntu osebenza emakhitshini
  • Usebenza efama
  • Usebenzela ilabour agency




Ixelwa njani ngozi eyenzeke msebenzini


Ukuba ungumsebenzi xelela umqeshi wakho ngokukhawuleza. Umqeshi kufanele achaze kwicandelo le compensation athumele wonke amaphepha azodingeka.


Kukho iform ekumele uyinikwe uyise kwa gqirha akuxilonge. Yakubhalwa let form kumele iphindele kumqeshi. i Compensation fund ibhatala umqeshi ibenguye obhatala umqeshwa



Tags
  • Occupational Health
    Saftey
    Work
    Job