Iimeko eziqhelekileyo zempumlo

Post cover image

Iimeko eziqhelekileyo zempumlo

iRhinosinusitis kukudumba kwe nwebu yokuqala yempumlo nee sinus. isinus yimingxunya engaphakathi kwethambo. Kule ncwadana, i-sinus zibhekisele kwimingxunya yethambo elijikeleze impumlo.


Iimpawu ze rhinosinusitis

  • Ukuvaleka kweempumlo
  • ukuphuma kwempumlo
  • Ukungavi vumba
  • Ukhohlo khohlo ebantwaneni
  • iintlungu zobuso xa kukho uxinzelelo
  • Ubuso obuhlungu xa kucinezelwe impumlo/ubuso


Ukuba iimpawu zihlala ngaphezulu kweentsuku eziyi-10 nangaphantsi kweenyanga ezi-3, oku kubizwa ngokuba yi-rhinosinusitis ebukhali. I-rhinosinusitis ebukhali inokuphinda yahlulwe ibe zizizathu ezibini:

  1. I-rhinosinusitis ebukhali/ingqele

yenziwa zintsholongwane ezimbini influenza virus nerhino virus, iimpawu zayo zithatha iintsuku ezilishumi. Iyazinyanga ngokwayo. kubalulekile ukufinya ukwenzela umfinya ungayofika kwi sinuses.


Acute post viral rhinosinusitis

kulapho ezimpawu zihlala iintsuku ezingapha kwe-10 kodwa ngaphantsi kweenyanga ezi-3. Iyazinyanga ngokwayo.



Unyango

Kuxhomekeka kwiimpawu zakho nobuzaza bempawu. Unyango lujolise kulawulo lweempawu ukuphucula umgangatho wobomi ngexesha lokugula:

  • Amayeza eentlungu nomkhuhlane iparacetamol (Panado)
  • Amayeza okuvula iimpumlo/ ispray esifakwa empumlweni
  • Ukufutha


i-Rhinosinusitis ebukhali yentsholongwane ibacteria

Yenziwa yintsholongwane istreptococcus pneumoniae ne haemophilus influenzae. Lentlobo ilandela irhinosinusitis eyenziwe yi viral rhino sinusitis. Iimpawu zayo zivela emva kwentsuku kweveki ye viral rhinosinusitis.


Iimpawu

  • Umfinya oluhlaza okanye othyeli
  • Iintlungu kwicala elinye lobuso
  • Umkhuhlane


Unyango


Luyafana nolwe acute viral rhinosinusitis kunye namayeza okubulala iintsholongwane (antibiotics) amiselwe ngumboneleli wakho wezempilo.

Nceda uqaphele, iantibiotics zisetyenziselwa kuphela xa kukrokrelwa ukusuleleka ngentsholongwane ibacteria njengobungqina bezi mpawu zikhankanywe apha ngasentla.


iAllergic rhinitis

yenziwa zi allergies ezingena kwimpumlo ezifana ne:

  • Umungu
  • Uthuli
  • Izilwanyana ezithile


Iimpawu


  • Ukuthimla
  • Ukurhawuzelela
  • Ukuxinana kwempumlo
  • Ukudumba kwamehlo namehlo abomvu
  • impumlo ebomvu
  • ukwanda koxinzelelo endlebeni



Imiphumela emibi

  • Iingxaki zendlebe ezenza ungevi kakuhle
  • Ukuba nengxaki yee-sinus


Unyango


Amayeza ovula iimpumlo

Antihistamines zonciphisa ukudumba xa udibene ne allergens

Ukuphepha i allergens


Irhinosinusitis engapheliyo

Ukudumba kwee sinus iinyanga ezi-3 okanye ngaphezulu.


Iimpawu

  • Ukuvaleka kwempumlo
  • Ungakwazi ukuva ivumba
  • Ikhohlo khohlo
  • Umfinya obaleka uyotshona emqaleni

Unyango

Esisifo sinyangwa ngamayeza i-corticosteroids ne antibiotics de ufike kwi nqanaba loba zingakuhluphi iisinus. Irhinosinusitis engapheliyo iyatyandwa ukuba iimpawu zayo azinciphi.



Tags
  • Rhinitis
    Runny Nose
    Sniffles
    Allergies