iGawuthi

Post cover image

Yintoni igawuthi?


Igawuthi sisifo samathambo esenzeka xa kukho ityiwa iuric acid eninzi emzimbeni. Le uric acid yenzeka xa umzimba ucola utywala, inyama ebomvu nokutya okuvela elwandle. Amajoni omzimba ahlasela le uric acid yenze amatye lamatye aye abambenke apho kudibana khona amathambo enze iintlungu nokudumba



Ibangelwa yintoni igawuthi


Igawuthi ibangelwa kukungakwazi ucola into ebizwa ukuba Yi purine, ipurine le siyifumana Ku kutya esikutyayo ze iphume emzimbeni njenge uric acid nomchamo.


Xa kukho I uric acid eninzi emzimbeni iye iqokelelane apho kudibana khona amathambo yenze igawuthi.


Zintoni ezikwenza ubesemngcuphekweni?


  1. Ukungakwazi ukucola I uric acid. Oku kungabonwa ebantwini abane sifo sezintso, isifo sentliziyo, abatya ipilisi zamanzi, nabane sifo seswekile


  1. Xa umzimba usenza I uric acid eninzi. Oku kwenzeka kubantu aba nomhlaza. Nesifo esibangela umzimba ungakwazi ukwenza amahlwili


  1. Nokutya okune purines ezininzi njengo tywala. Inyama ebomvu. Ukutya kwaselwandle nenyama yangaphakathi eg isbindi


Ezinye izinto ezikufaka emngciphekweni


  • kuba ngumntu wasebuhlanti


  • ukutyeba
  • ezinye izigulo ezifana ne swekile.
  • Intliziyo.
  • Isifo sezintso.
  • Ne high high



Zeziphi iimpawo ze gawuthi?


Gawuthi ayifani nezinye izifo zamathambo iyavela. Kwi yure eziyi 24. Iyakwazi uhlasela indawo enye


Kukho amaxesha apho ingqaqambo zivela zinganyamezeleki namaxesha apho ibangathi iphelile.

  1. Ukudumba
  2. Iintlungu
  3. Ubu bomvu


Iindawo ezivame ukuba ne gawuthi

  • ubhontsi wenyawo
  • 2.amaqatha
  • 3.amadolo
  • 4.nomphakathi wenyawo


Ifunyaniswa njani igawuthi?


Kufuneka uye Kwa gqirha xa usiva iintlungu kwi joints ugqirha akuvavanye.


Kuye kuthathwe ifoto yalo ndawo ebizwa uba yi X ray kunye nencindi kulo ndawo ixilongwayo.


Igawuthi ifunyanwa xa londawo ishushu, ibomvu kwaye idumbile.


Inyangwa njani igawuthi?


Akukho ndlela yokunyanga igawuthi kodwa uyakwazi ukuyilawula ngikutshintsha indlela ophila ngayo.


  1. Ukunciphisa iintlungu (umz. ibuprofen)
  2. Ukunqanda ukuba ibuye (umz. Nge colchicine)
  3. Ukunciphisa utywala nokutya ukuyenzayo ne pilisi (umz. alloporinol)


Zilolonge uzokuhla emzimbeni ungafumani nezinye izigulo ezibangelwa ngumzimba omkhulu


Uqubha, khwela ibhayisekile kubalulekile ukukhusela ijoints zakho



Tags
  • Gout
    Arthritis
    Joint Pain