iEczema

Post cover image

Eczema ifumana abantwana nolutsha,iyabuphazamisa ubom bomntu, iyarhawuzelela oku kuye kuchaphazela ukufunda, ukulala nendlela yoziphatha.



Yintoni i-eczema?


Kubalulekile ukwazi ukuba yintoni i-eczema ukwenzela indlela yoyinyanga icace. Kulusu olusempilweni kukho udonga lokhuselekho olwenza yi oli. Le oli yenza ulusu lungalahlekelwa ngamanzi lungachachambi. Kwi eczema le oli ayikho, ulusu luyachachamba. Okukuchachamba kubangela kungene izinto ezithukuthezela ulusu.


Oku kubangela kubekho ukurhawuzelela kulandele irhashalala. Ukurhawuzelela kuyahlala naxa irhashalala iphelile.


Indlela yoyinyanga

Ucoceko:

- Ungathambisi izinto ezitshisa ulusu

-Xa uhlamba, qaba umzimba nge aqueous cream uzivase ngayo. Sukusebenzisa isepha.

-Uganxibi iimpahla ezirhwexayo okanye ezishushu kakhulu, uchebe iinzipho ezinde.


i-Emollient cream

Yeyona ndlela ibalulekileyo ekunyangeni i-eczema. I-emollient cream Yi cream ezobuyisa i-oli kululusu lwakho. Ugqirha angakuxelela yeyiphi efanele wena okanye umntanakho. Xa usebenzisa le cream uvala isikhewu sale Oli ingekhoyo emzimbeni wakho. Kubalulekile ukusebenzisa le cream noba akukho rash, ukuyeka kwakho ukuyisebenzisa izobuya kwakho irhashalala. I-Cream leyo mayingabina vumba okanye into yotshintsha umbala (colourant).


Amalaphu amanzi


Ngamanye amaxesha ulusu lingavakala lishushu lirhawuzelela


Thatha icream uthambise, uthathe ilaphu ulifake emanzini ashushu ulikhame ulibeke kulondawo ichaphazelekayo uphinde uthathe ilaphu elomileyo ulibophe kweli limanzi lingawi. Oku kunceda ekupholiseni nokunqanda urhawuzelela.



iSteroid cream

Ugqirha wakho usenofuna usebenzise isteroid cream xa kukho irash, kubalulekile ungasebenzi eninzi okanye encinci. Ugqirha uzokuxelela udinga usebenzisa engakanani. Le cream isetyenziswa xa kukho irhashalala qha. Xa uyisebenzisa uqaba kwelicala uboya bujonge khona. iSteroid creams zihlisa ukudumba kwi skhumba akulunganga ukuyisebenzisa xa irhashalala iphelile



Tags
  • Eczema
    Dermatitis
    Rash
    Dry Skin
    Allergy