I-Psychosis ebangelwa ziziyobisi

Post cover image

UMzantsi Afrika unamazinga awothusayo okusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Ngokuxhomekeke kusetyenziso lwechiza, ukusetyenziswa kweziyobisi okanye ukusetyenziswa kweziyobisi ngokugqithisileyo kunokubangela ukuphazamiseka kwengqondo okubizwa ngokuba yi-substance induced psychosis, i-pyschosis ziziyobisi. Funda incwadana yethu emalunga neziyobisi ezisetyenziswa gadalala[a] ukuze ufunde ngakumbi kwaye ufumane izibonelelo zokuba ungalufumana phi uncedo.


Yintoni iPsychosis

I-Psychosis sisigulo apho umntu aqhawukene nenyani. Xa umntu ephazamisekile engqondweni, usenokuba nenye okanye ngaphezulu kwezi mpawu zilandelayo:

Imibono/hallucinations

Ii-hallucinations yimibono engeyiyo yehlabathi umntu akholelwa ukuba yinyani. Ii-hallucinations zinokusukela:

  • Ukuva amazwi/izandi ezingekho, okanye
  • Ukubona izinto/abantu abangekhoyo, okanye
  • Izinto ezinukayo ezingekhoyo, okanye
  • Ukuziva uvakalelo eluswini.


Inkohliso

Inkohliso ziinkolelo ezibambelele ngokuqinileyo ezingahambelaniyo nenyani, isazisi somntu kunye nenkcubeko. Umzekelo wenkohliso kukukhohlisa kobungangamsha apho umntu akholelwa ukuba bangoothixo okanye kubudlelwane bothando nabantu abadumileyo.


Yintoni i-Psychosis ebangelwa ziziyobisi

Bubukho benye okanye zombini ezi mpawu ngexesha okanye kamsinya nje emva kokuba into ethile isetyenzisiwe okanye emva kokuba irhoxisiwe. Oku ke kubangela ukuphazamiseka kubomi bomntu, ukusebenza kwabo ngokwentlalo nakwezinye iindawo zobomi. Oku kukwabangela unxunguphalo kwindawo esondeleyo yomntu.


Zeziphi Izinto ezibangela i-psychosis

IiCannabinoids: Intsangu kunye neHashish

Izivuseleli: icocaine (iCoke, iblow, ice), methamphetamine (Tik, meth), MDMA (Ecstasy)

Izifunxwa: i-petrol, ipeyinti, iglue

IiOpioids: iheroin (impama) kunye neopium

Ulawulo

Ulawulo lwe-psychosis ebangelwa ziziyobisi lubandakanya uninzi lweengcali zezempilo. Oku kubandakanya unyango i-therapy, iingcebiso, kunye nokubuyisela kwisimo sangaphambili sokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Kwaye neenzame eziqhubekayo zokutshintsha indlela yokuziphatha komntu gwenxa.

Amanye amayeza anokunikezelwa ngeli xesha anokubandakanya:

  1. I-Antipsychotics (i-haloperidol, i-clozapine) ukunciphisa iimpawu ze-psychosis
  2. Benzodiazepines ukunciphisa iimpawu kunye nokunciphisa uxinzelelo.

Apho unokufumana khona uncedo

Kukho inani leendlela apho abantu abachatshazelwa yi-psychosis ebangelwa ziziyobisi banokufuna uncedo, ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo. Jonga izibonelelo kwezi ncwadana zilandelayo apho ungalufumana khona uncedo:

  • Utywala
  • Ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi
  • Impilo Yengqondo
Tags
  • Mental Health