I-ADHD

Post cover image

Yintoni i ADHD?


Umntu one ADHD unengxaki apho:

  • Kunzima ukunikela ingqalelo (ingxaki zokumamela, inattention)
  • Ukuxakeka kakhulu (ungakwazi ukuba sendaweni enye, hyperactivity)
  • Ubunzima ekuzibambeni (ukwenza ngaphandle kokucinga, impulsivity)


Oku kwenza umntu angakwazi ukuhlala kakuhle nabanye abantu, kwaye kube nzima ukusebenza ekuhlaleni.


ADHD ebantwaneni.


Ibonakala ebantwaneni ngokunga mameli, bangakwazi ukuhlala ndawonye, nokuzibamba emakwabo nasesi kolweni. i-ADHD yenza umntana angakwazi ukufundiseka kakuhle, nokuhlala nabantu kubenzima.


Abantwana abane ADHD kulula ukuba babeno xinzelelo lwengqondo, batye iziyobisi benze nezinye izinto ezibabeka emngciphekweni.


Kubalulekile ukuba babonwe ixesha lisavuma ukuze basiwe kwiingcali zempilo yengqondo ukuze kwaziwe indlela yoqubisana naso esi sigulo.


i-ADHD kubantu abatsha

i-ADHD kubantu abatsha ivela ngendlela ngendlela. Ingavela ngokungaqhubi kakuhle esikolweni, ngobu ndlobongela, nangosebenzisa iziyobisi. Ulutsha olunesi sifo linokuziphatha okunyingozi ngendlela efaka bona nabanye abantu emngciphekweni.




i-ADHD kubantu abadala

Iimpawu ze-ADHD ziyaqhubeka ukusuka ebuntwaneni ukuya ekubeni ngumntu omdala. Kubantu abadala, iimpawu ze-ADHD zikholisa ukuba zifihlakeleyo kunasebuntwaneni, zibanenkangeleko enje:

  • Ukungabikho kwengqalelo kwiinkcukacha
  • Izakhono zoqoqosha ezisezantsi
  • Ukungakwazi ukubeka phambili izinto ezibalulekileyo
  • Ukutshintsha kweemvakalelo, ukucaphuka kunye nomsindo okhawulezayo
  • Ukungabi namonde okugqithisileyo
  • Ukuzipatha okuyingozi



Indlela yosinyanga


Esi sifo sichazwa yinkcuba buchopho ezithi zikunike iindlela zokumelana nesi sifo.


Unyango ngaphandle kwamayeza

unyango lwengqondo itherapy

Injongo yonyango kukunceda umntu one-ADHD amelane nemingeni ebangelwa yi-ADHD ekusebenzeni kwakhe. inokubandakanya ezi ndlela zilandelayo, kunye nokunye okuninzi:


  • Abantwana: Iinkqubo zokuziphatha ukunceda umntwana alungelelanise, kwaye agcine isiqhelo
  • Ulutsha: Iinkqubo ezifanayo kubantwana, kodwa ngokweminyaka yobudala
  • Kwabantu abadala: ukubafundisa ukohlula-hlula umsebenzi ukuze bakwazi ukuwugqiba.


Unyango lamayeza (stimulants)


Ulawulo lwezonyango lujolise ekunciphiseni iimpawu, kuphucule ukugxila. Amayeza adla ngokusetyenziswa ukulawula i-ADHD ngamayeza abizwa ngokuba zizivuseleli (i-stimulants)


Izivuseleli (i-stimulants)


Amayeza, njenge Concerta ne Ritalin. Lamayeza aphucula ukugxila ngonyusa iincidi ekuthwa yi-dopamine engqondweni.

Imiphumela yosebenzisa lamayeza kukuhla emzimbeni, nophelelwa ngumdla wokutya.


Amayeza angezizo izivuseleli (Non-stimulants)

Amayeza, njenge Automoxetine ne Guanfacine ayasetyenziswa ebantwaneni. Zinemiphumela efanayo neye stimulants noxa nje zithatha ixesha ukuze zisebenze.



Tags
  • ADHD
    Hyperactive
    Attention