Izibonelelo zentlalo

Post cover image

Zenzelwe ukuncedisana nabemi belilizwe bavale umsantsa wendlala. Zikhutshwa ngu SASSA. Ezizibonelelo zenzelwe abantu abazidnga ngenxa yeemeko ezithile.


Ukusukela ngo-2020, izibonelelo ezifumanayo zezi:

  1. Isibonelelo-mali senkxaso yomntwana
  2. Inkamkam yabantu abadala
  3. Isibonelelo sabakhubazekileyo
  4. Isibonelelo sokuncedisa
  5. isibonelelo -mali sokonga umntwana okhubazeke kakhulu
  6. Isicelo segranti yegqala elivela emfazweni


Ungakwazi nofaka isicelo somnyenyevu wentlalo wokhuphuma embhandezelweni


Isibonelelo-mali senkxaso yomntwana


Esibonelelo-mali sixabise R450 ngenyanga ngomntwana ngamnye. Umntwana kufuneka abe neminyaka engaphantsi kwei-18 ubudala.


Uzazi njani ukuba ufanelekile?

-Ube ngumlondolozi okukuphela kwakhe lo mntwana axhomekeke kuye (umz., umzali, umakhulu okanye umntwana oneminyaka engaphezulu kweli 16 oyintloko yosapho).

-Ungamkeli umvuzo ongaphezulu kwe R528 00 ngonyaka ukuba awutshatanga. Ukuba utshatile, umvuzo wenu udibene angagqithiseli kwi R105 600 ngonyaka.


Indlela yokufaka isicelo

Yiya kwi-ofisi yakwa SASSA ekufutshane nalapho uhlala khona noku:

-i-ID kunye nesatifikethi sokuzalwa. Ukuba awunayo i-ID okanye isatifikethi skuzalwa, isiqiniseko sokuba usifakile isicelo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya (eHome Affairs)

-Isiqinisekiso somvuzo wakho

-Isatifikethi somtshato ukuba utshatile

-Ukuba ungumntu owaqhula umtshato, umyalelo wenkundla ochaza ukuba umntwana unikezelwe kuwe

-Isatifikethi sokusweleka okaye isiqinisekiso sokuba umzali ulahlekile ukuba omnye okanye bobabini abazali bomntwana basweleka okanye balahleka.



Inkamnmkam yabantu abadala


Ungafumana imali yesibonelelo sendodla ukuze ikuncede kubudala bakho. Le mali yobudala ifunyanwa ngabana 60 ubudala nangaphezulu. Eyona mali ininzi uza kuyifumana li-R 1 860 ngenyanga. Ukuba ngaba uneminyaka engaphezulu kwama-75 ubudala, uza kufumana i-R1880.


Ungazazi njani ukuba uyakufanelekela ukuyifumana

-Ube ngumni waseMzantsi Afrika okanye ubengumhlali osisigxina

-uhlala eMzantsi Afrika

-ungafumani sibonelelo sentlalo esingesinye

-ungafumani nakekelo kwiziko likarhulumente

-awamkelii ngaphezu kwe R86 280 ngonyaka ngonyaka ukuba awutshatanga. R 172 560 ngonyaka ukuba utshatile.

-awunampahla exabisa ngaphezu kwe R1 227 600 kwaye wena notshate naye akufanele nibe nempahla exabisa ngaphezu kwa R 2 455 200


Indlela yokufaka isicelo

Yiya kwi-ofisi yakwa SASSA ekufutshane nalapho uhlala khona noku:

-i-ID

-isiqiniseko sobume bomtshato ukuba sikhona

-isiqinisekiso sendawo yokuhlala

-isiqinisekiso sengeniso yakho okanye inzala

-isiqinisekiso sezintro onazo, kuquka ixbiso lendlu yakho

-isiqinisekiso semali

- yomhlalaphantsi wakho

- ukuba ubuqeshiwe, kufuneka iNgxowa-mali-ye-Inshorensi yokuNgaphangeli (UIF) (incwadi eluhlaza) okanye isitifiketi sokuyekizwa emsebenxi esisuka kumqeshi wakho omdala

-iimpepha zamafa okanye nobhango kwizinto ebeninazo, nokwahlulwa kwamatyala ukuba iqabane lakho lisweleke ngexesha eliphakathi kweminyaka emihlanu



Isibonelelo sabakhubazekileyo


Esibonelelo sifunyanwa xa kunokwenzeka ukuba ukhubazeke ngokwasengqondweni nasemzimbeni, yaye lonto ibangela ungakwazi ukusebenza kangangexesha eliqikelelwa kwiinyanga ezintandathu nangaphezulu. Isixa sibonelelo ongasifumana rhoqo ngenyanga yi R1860


Ugazazi njani ukuba uyakufanelelka ukuyifumana?

-ube phakathi kweninyaka eyi-18 ukuya kwiminyaka eyi-59

-ungabi nanakelelo kwiziko likaRhulumente

-ungamkeli ngaphezulu kwe R86 250 ukuba awutshatanga, R172 560 ukuba utshatile

-impahla onazo kufuneka zingabii naxabiso lingaphezu kwa R1 227 600 ukuba awutshatanga, R2 455 200 ukuba utshatile

-kufuneka uhambele uvavanyo lwempilo, apho ugqirha otyunjwe nguRhulumente azakuvavanya iqondo lokukhubazeka kwakho.


Indlela yokufaka isicelo

Ndwendelwa i-ofisi yakwa SASSA ekufuphi nawe noku:

-i-ID

-incwadi ziiaGrirha

-isiqinisekiso somtshato ukuba sikhona

-isiqinisekiso sendawo yohlala

-isiqinisekiso semali omyamkelayo ukuba ikhona

-isiqiniseko sezinto onazo kunye nexabiso

-isiqinisekiso semali yomhlalaphantsi

-amaphepha asebhankini eenyanga ezintathu

-iNgxowa-mali-ye-Inshorensi yokuNgaphangeli (UIF) (incwadi eluhlaza) okanye isitifiketi sokuyekizwa emsebenxi esisuka kumqeshi wakho omdala

-iimpepha zamafa okanye nobhango kwizinto ebeninazo, nokwahlulwa kwamatyala ukuba iqabane lakho lisweleke ngexesha eliphakathi kweminyaka emihlanu




Isibonelelo-mali sokonga umntwana okhubazeke kakhulu


Esisibonelelo-mali sokonga umntwana okubhazeke kakhulu sinceda umntwana okhubazekileyo ukususela ekuzalweni kwakhe ade abe neminyaka eyi-18. Uza kufumana i R1860 ngenyanga.


Uzazi njani ukuba ufanelekile?

- umntu ofaka esisicelo funeke ibengumzali okanye ongumzali okhulisa umntwana ongengowakhe ngegunya lenkundla.

-Ube ngummi woMzantsi Afrika okanye ummi osisigxina

-ungamkeli umvuzo ongaphezulu kwe R223 200 eerandi ngonyakak ukuba awutshatanga, R446 400 ukuba utshatile.


Indlela yokufakela isicelo

Yiya kwi ofisi yase SASSA ekufutshane kuwe ne:

-ID nesetifiketi sokuzalwa

-ingxelo yezonyango/yohlolo engqina ngoku ngokukhubazeka komntwana.

-isiqinisekiso sobume bakho somtshato

-isiqinisekiso somvuzo wakho

-isiqinisekiso sokuba ungumzali womntwana

-ukuba ungumzali oyimbacu onikwe igunya lobuzali yinkundla, iphepha mvume lobume bobumbacu kunye ne-ID yobumbacu

-iNgxowa-mali-ye-Inshorensi yokuNgaphangeli (UIF) (incwadi eluhlaza) okanye isitifiketi sokuyekizwa emsebenxi esisuka

-ukuba awungomzali wontana lowo, isiqinisekiso sokuba nguwe kuphela umlondolozi onoxanduva lokukhathalela lomntwana.


Isicelo segranti yegqalala elivela emfazweni


Esisibonelo senzelwe abantu ababengamajoni ayesilwa kwiMfazwe yokuQala yeHlabathi (1939-1945) okanye imfazwe yase Korea (1059-1953) abangakwazi ukuzixhasa. Sinexabiso R1880 ngenyanga.


Ungazazi njani ukuba uyafaneleka ukusifumana esi sibonelelo?

-ube ngummi wasMzantsi Afrika okanye ubengumhlali osisigxina

-uhlale eMzantsi Afrika

-uneminyaka e60 okanye ngaphezulu okanye ukhubazekile

-ungafumani sibonelelo sentlalo esingesinye

-ungamkeli ngaphezulu kwe R86 280 ngonyaka okanye ukuba awutshatanga, R172 560 ukuba utshatile

-awunazimpahla ezixbisa ngaphezulu kwe R1 227 600 ukuba awutshatanga, R2 455 20 ukuba utshatile.



Ungasifaka njani isicelo

Ndwendelwa i-ofisi yeSASSA ekufutshane nawe ne:

-ID okanye ubungqina bokuba ufake isicelo sesazisi eHome Affairs

-ubugqina benkonzo yakho yemfazwe, obufana nesatifiketi senkonzo

-ukuba ungaphantsi kweminyaka eyi-60, ingxelo yokuphonongwa ngugqirha okanye ingxelo ebonisa ukuba awunako ukusebenza

-ubugqina bemeko yomtshato


iGrant Yokuncedisa


Esisibonelelo senzwelwe abantu aphaphila ngesibonelelo sikarhulumente bengakwazi ukuzinakekela. Senzelwe ukuze ukwazi ukuhlawula umongi wakho wamaxesha onke. Isixa sibonelelo ongasifumana yi-R450 ngenyanga.

Ungazazi njani ukuba unelungelo lokuxhamla?

-ube sele usifumana isibonelelo sokukhubazeka,isibonelelo samagqala omkhosi okanye isibonelelo sabantu abadala

-awukukwazi ukuzinakekela ngenxa yokhukkhubazeka ngokomzimba okanye ngokwengqondo, ke ngoko ufuna ukukhathalelwa

-ungakhathalelwa kwiziko elifumana uncedo kurhulumente malunga nokukhathalelwa kwakho okanye ukuhlaliswa kwakho kulendawo


Indlela yokufaka isicelo

Ndwendela i-ofisi yase SASSA ekufutshane nawe ne:

-iD

-isiqinisekiso semeko yomtshato

-ingxelo kagqirha kanye yophononongo ebonisa ukuba ufuna unakekelo olusisigxina


Isibonelelo-mali somntwana okhuliswa ngomnye umntu


Isibonelelo-mali sokukhathalela ukhulise umntwana ongengowakho ngokwegazi. Sixabise R1040 ngenyanga ngomntwana ngamnye.


Uzazi njani ukuba unelungelo lokuxhamla?

-kufuneka ube ngummi waseMzantsi Afrika, ummi osisigxina okanye imbacu

-umntwana kufunekwa abe kanti unikwe wena ngokusemthethwenikwaye kufuneka ahlale ephansti kweliso lakho

-umtwana kufuneka abeneminyaka engaphantsi kwe-18.


Ungasifaka njani isicelo?

Ndwendela i-ofisi yase SASSA ekufutshane nawe ne:

-iID yakho nesitifiketi somntwana sozalwa.

-ukuba uyimbacu, iphepha-mvume yobume bakho

-Umyalelo wenkundla onikezela umtwana kuwe


Uza kuhlawula njani?


iSASSA ihawula izibonelelo ngenye yezi ndlela zilandelayo:

-ngokunika imali esandleni kwindawo ezikhethekileyo ngosuku oluthile

-ngokuyifaka kwibhanki yakho okanye kwi akhawunti yasePostbank

-kwiziko elisebenza ngengomlawuli wesibonelelo


Isicelo somnyenyevu wentlalo, wokuphuma embanzelweni

Umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni luncediso lwexeshana (inyanga ezinthathu) olunikwa abantu abakwinzima nenkxwaleko.


Imizekelo

-udinga uncedo ngelilixa ulinde iigranti zabantwana ziphunyezwe ngurhulumente

-uhlelwe yintlekele

-awuvumelekanga ufumane igranti, yaye usengxingweni

-awunako ufumana isapoti komnye umzali wabantwana

-umntu olithemba lokondla usapho uswelekile okanye uvalelwe entolongweni


Ukunika ntoni urhulumente

Ungafumana inkxaso yokutya okanye itikiti lokuthenga ukutya. Amanye amaphondo alunika ngokwemali olu ncediso.


Isicelo usifaka kanjani?

Ndwendela i-ofisi yase SASSA ne:

-ID kunye nezatifieti zokuzalwa zabantwana bakho


Ubungqina bezi zinto zilandelayo:

-wenze isicelo segranti

-uthwaxwe yimeko emaxongo (umzekelo nika ingxelo yamapolisa yokutsha kwendlu yakho)

-uzamile ukufamana isapoti

-awunankxaso ingenye

-ubungqina bomtshato

-unokhubazeko lwempilo lwexeshana elifutshane


Ixesha elimiselweyo

-isicelo sakho siyakuphunyexwa ngoko nangoko

-nokuba awunazo zonke ezi ncwadi, uyakusifumana isibonelelo ngaphandle kwazo

-ungalibali ke kodwa ukusa zonke iincwadi phambi kokuba kufike ixesha lentlalulo yenyanga yesibini

-ukubangaba awukafumani siqabu kubunzima okubo, emva kokuba ufumene le granti iinyanga ezintathu, ungenza isicelo sokuba esisibonelelo sinyeliselwe ezinye iinyanga ezinthathu.



Tags
  • Social Grants
    Grants
    SASSA